Joshua 5:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yiyo le indawo ekungenxa yayo u‐Yoshuwa walwalusa: Bonke abantu ababepumile e‐Jipete bengamadoda, onke amadoda okulwa, bebetile entlango endleleni, emva kwokupuma kwabo e‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nasi isizathu sokuba uYoshuwa abaluse: bonke abantu ababephume eYiputa bengamadoda, onke amadoda okulwa, afela entlango endleleni, ekuphumeni kwawo eYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nasi isizathu sokuba uYoshuwa abaluse: Bonke abantu abaphuma eYiputa, amadoda, ewe, onke amadoda okulwa, afela entlango endleleni, ekuphumeni kwawo eYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumka kwamaSirayeli eJiputa onke amakhwenkwe ayesele alukile. Kodwa ke kuthe ngenxa yokubhadula entlango amashumi amane eminyaka akwabikho thuba lakwalusa nkwenkwe. Kanti ke onke amadoda ayeselekwixabiso lokuya emfazweni ukufuduka kwabo eJiputa ayeselebhubhile ngenxa yokungamthobeli uNdikhoyo. Njengoko watshoyo kooyise-mkhulu uNdikhoyo akazange awavumele alibone ilizwe laseKanana eliphuphuma ubisi nobusi.