Joshua 5:6 — Compare Translations
3 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba usapo luka‐Sirayeli beluhamba iminyaka yamashumi mane entlango, kwada kwagqityelwa bonke abantu bengamadoda okulwa, ababepumile e‐Jipete, ababengapulapulanga ilizwi likayehova; owati uyehova wabafungela ukuba akayi kubabonisa ilizwe, elo wafunga uyehova koyise babo ukuba wolinika kuti, ilizwe elela ubisi nobusi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba oonyana bakaSirayeli bahamba iminyaka emashumi mane entlango, lwada lwaphela lonke uhlanga olungamadoda okulwa awaphumayo eYiputa, angaliphulaphulanga izwi likaYehova;awawafungelayo uYehova ukuba akayi kuwabonisa elo zwe, walifungela ooyise ukuba uya kusinika, ilizwe elibaleka amasi nobusi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bahamba oonyana bakaSirayeli entlango iminyaka emashumi mane, ada atshabalala onke amadoda okulwa aphuma eYiputa, ngokuba engaliphulaphulanga ilizwi likaYehova; awabafungelayo uYehova ukuba akayi kubakho babonise ilizwe elo uYehova walithembisa ooyise ngesifungo, ukuba wosinika lona, ilizwe elibaleka amasi neenyosi.