Joshua 6:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Yoshuwa ebeyalele abantu ngokuti: Ningamemezi, ningavakalisi amazwi enu, makungapumi emilonyeni yenu nalinye ilizwi, ide ibe yimini endiya kuti kuni: Memezani! nandule ukumemeza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYoshuwa wabawisela umthetho abantu, wathi, Ize ningadumi, ningalivakalisi ilizwi lenu, kungaphumi nto emlonyeni wenu, kude kube yimini endothi kuni, Dumani; nidume ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYoshuwa wabawisela umthetho abantu, wathi, Musani ukuduma, ningawaphithi amazwi enu, ningaphumi lizwi emlonyeni wenu, ide ibe yimini endiniwisela umthetho ngayo ukuba nimbulale ukumkani; ngoko kufuneka ukhwaze.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYoshuwa wawayalela amadoda akhe wathi: “Ze ningahlabi mkhosi, ningakhwazi. Ewe, ze ningakhe nilinge niyivule imilomo yenu, ide ibe lolo suku niya kuyalelwa ndim.”