Joshua 6:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Soba yinto elahlelwe ekutshatyalalisweni esisixeko, kwa sona nako konke okukuso, kuyehova: kupela u‐Rakabi, umpinyiswa, uya kudla ubomi, yena nabo bonke abanaye endlwini, ngokuba ebezifihla izigidimi esazitumayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lo mzi woba yinto esingelwe phantsi kuYehova, wona nento yonke ekuwo; kuphela nguRahabhi ihenyukazi yedwa owodla ubomi, yena nento yonke ekuye endlwini yakhe; ngokuba wabazimeza abathunywa esabathumayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Isixeko siya kuba sisiqalekiso kuYehova, sona nento yonke ekuso; kuphela nguRahabhi ihenyukazi yedwa owodla ubomi, yena nento yonke ekuye endlwini yakhe; ngokuba wabazimezayo abathunywa esabathumayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Isixeko, nayo yonke into ekuso, kufuneka zitshatyalaliswe mpela, zibe ngumnikelo kuNdikhoyo ngomlilo. NguRahabhi ihenyukazi yedwa kunye nabantu bakowabo amabasindiswe, kuba yena wazifihla iintlola zethu.