Joshua 6:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo nani, qinisani ukuzibamba kuleyonto ilahlelweyo ekutshatyalalisweni, hleze nizenze okulahlelweyo ekutshatyalalisweni, nxa nitabatayo kuleyonto ilahlelweyo ekutshatyalalisweni, niwenze nomkosi wama‐Sirayeli ube yinto elahlelweyo ekutshatyalalisweni, niwukataze.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa ke zigcineni entweni esingelwe phantsi, hleze nani nizisingele phantsi ngokuthabatha entweni entweni esingelwe phantsi, niwenze umzi wakwaSirayeli ube yinto esingelwe phantsi, niwuhlisele ishwangusha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Noko ke, zigcineni kwizinto ezalelweyo, ukuze ningaqalekiswa ngokwenu ukuba nithe nazamkela ezinye zezinto ezalelweyo, nenza inkampu kaSirayeli yaba yinto esingelwe phantsi, ibe isuka yabaqalekisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ze ningathathi nto ekufuneka itshatyalaliswe; xa nenjenjalo nozibizela intshabalalo ngokunokwenu, nihlisele amaSirayeli ishwangusha xa ewonke.