Joshua 6:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa yonke isilivere, negolide, nempahla zobedu nezesincete, zona ziyingcwele kuyehova; ziya kungena endaweni yendyebo kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke yona yonke isilivere, negolide, nempahla yobhedu, neyesinyithi, iyingcwele kuYehova; yongena ebuncwaneni bukaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke yona isilivere, negolide, neempahla zobhedu, nezesinyithi, zinyulelwe uYehova; iya kungena ebuncwaneni bukaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yonke into eyenziwe ngesiliva, negolide, nobhedu, okanye ngentsimbi, mayahlulelwe uNdikhoyo. Kufuneka ifakwe koovimba bakaNdikhoyo.”