Joshua 6:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza abantu bamemeza, bakuvutela abaperisite ngamaxilongo: kwabekute, nxa abantu babevile intlokoma yexilongo, na nxa abantu bamemeza ngesimemezo esikulu, kwandul’ ukuwa udonga endaweni yalo, bada abantu benyukela esixekweni, bonke besiti ngqo pambi kwabo, batimba isixeko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baduma ke abantu ukuvuthela ngezigodlo bequpha; kwathi, bakusiva abantu isandi sesigodlo, baduma abantu ngoduduma okukhulu, lwawa udonga lwathi bhuma. Benyuka abantu kuwo umzi, elowo wathi ngqo, bawuthimba umzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baduma ke abantu, ababingeleli ukuvuthela ngezigodlo baqupha; bakuva abantu isandi sesigodlo, baduma abantu ngodumo olukhulu, lwawa udonga, benyuka abantu bangena esixekweni, elowo ecaleni lakhe, wasithimba isixeko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bazivuthela izigodlo ababingeleli. Athi akuziva amadoda, ahlaba umkhosi ememeza, zadilika iindonga! Wasuka umkhosi waya ngqo esixekweni, wafika wasithimba.