Joshua 6:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza balahlela ekutshatyalalisweni kwa namadoda nabafazi, abatsha nabadala, inkomo, negusha, namaqwaṙashe, ngohlangoti lwesiṙele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bazisingela phantsi ngehlangothi lwekrele zonke izinto ezikuloo mzi, bethabathela kwindoda besa kumfazi, bethabathela kwindoda besa kwixhego, besa nakwinkomo, nakwimpahla emfutshane, nakwiesile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ababulala ngobushushu bekrele bonke ababekuloo mzi, amadoda nabafazi, abaselula nabadala, neenkomo, neegusha, namaesile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Asenza umnikelo kuNdikhoyo isixeko, afaka ikrele umntu wonke, abulala amadoda nabafazi, abatsha nabadala. Abulala iinkomo, iigusha, kunye needonki.