Joshua 6:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Asuka amadodana abezintlola angena, apumisa u‐Rakabi, noyise, nonina, nabazalwana bake, nabo bonke abenabo; nabo bonke abalamane bake abapumisa; abashiya ngapandle kwomnquba wama‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abengenile ke amadodana aziintlola, amkhupha uRahabhi, noyise, nonina, nabanakwabo, nabo bonke abenabo; nemizalwane yakhe yonke bayikhupha, bayibeka ngaphandle kweminquba yakwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abengenile ke amadodana aziintlola, amthabatha uRahabhi, noyise, nonina, nabanakwabo, nabo bonke abenabo; yaye bazikhupha zonke izizwe zakhe baza bazishiya ngaphandle kwenkampu yakwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Aya ke, abuya naye uRahabhi, kunye noyise, nonina, nabantakwabo, kunye nabo bonke abantu bakowabo. Bathatha wonke loo mzi uphela, babahlalisa ngakwisikhululo samaSirayeli.