Joshua 6:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku isixeko basitshisa ngomlilo, nako konke okupakati kwaso; kupela isilivere, negolide, nempahla zobedu nezesincete, bazifaka endaweni yendyebo yendlu kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bawutshisa umzi ngomlilo, neento zonke eziluwo; kodwa isilivere, negolide, nempahla yobhedu, neyesinyithi, bayibeka ebuncwaneni bendlu kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bawutshisa umzi ngomlilo, neento zonke eziluwo; ngaphandle kwesilivere, negolide, nezinto zobhedu, nezesinyithi, zazibeka ebuncwaneni bendlu kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bantumeka umlilo kweso sixeko, satsha nqu, kunye nento yonke eyayilapho. Igolide, nesiliva, nezinto zobhedu, nentsimbi, bazithatha bazisa koovimba bakaNdikhoyo.