Joshua 6:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanti u‐Rakabi, umpinyiswa, u‐Yoshuwa wamlondoloza ebomini, nabendlu kayise, nabo bonke abenabo; osahleli pakati kwo‐Sirayeli kude kwanamhla nje; ngokokuba wazifihla izigidimi, abezitumile u‐Yoshuwa ukuya kuhlola i‐Jeriko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uRahabhi, ihenyukazi, nendlu kayise, nabo bonke abenabo, uYoshuwa wamsindisa; wahlala phakathi kwamaSirayeli unanamhla;ngokuba wabazimezayo abathunywa, abebathumile uYoshuwa ukuba bayihlole iYeriko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYoshuwa wamsindisa uRahabhi, ihenyukazi, nendlu kayise, nabo bonke abenabo; wahlala kwaSirayeli unanamhla; ngokuba ubebazime abathunywa, abebathumile uYoshuwa ukuba baye kuhlola iYeriko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa uYoshuwa wabasindisa ooRahabhi nabantu bakowabo, yaye uRahabhi usekho kwaSirayeli unanamhla, kuba wafihla iintlola ezazithunyelwe eJeriko nguYoshuwa.