Joshua 6:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kuya kuti, kwakuhlokonyiswa ngopondo lwokuvusa, nxa nivayo intlo koma yexilongo, bomemeza abantu bonke ngesimemezo esikulu; lwandul’ ukuwa udonga lwesixeko endaweni yalo, bati abantu benyuke abanye ngabanye ngokuti ngqo pambi kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi ke, ekoluleni ukuvuthela ngesigodlo sokuhlaba umkhosi, ekusiveni kwenu isandi sesigodlo, badume ngokuduma okukhulu bonke abantu, luwe udonga lomzi luthi bhuma, benyuke ke abantu, elowo athi ngqo malunga naye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekuvuthelweni kwesigodlo ixesha elide, nasekuveni isandi sesigodlo, baduma bonke abantu, baduma; kwaye udonga lwesixeko luya kuwa, kwaye abantu baya kunyuka, ngamnye amkhokela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuya kuthi ke xa bevuthela isandi eside ababingeleli, nihlabe umkhosi, nimemeze, zidilike iindonga zeJeriko. Wandule ke ukungena macal' onke ngaphakathi kwesixeko wonke umkhosi.”