Joshua 7:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KODWA usapo luka‐Sirayeli lwenza isigqito ngento elahlelweyo ekutshatyalalisweni: ngokuba u‐Hakane, unyana ka‐Kami, unyana ka‐Zabedi, unyana ka‐Zera, owesizwe sika‐Juda, watabata kulonto ilahlelweyo ekutshatyalalisweni. Ngako yavuta ingqumbo kayehova ngakulo usapo luka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku oonyana bakaSirayeli benza ubumenemene entweni esingelwe phantsi. UAkan, unyana kaKarmi, unyana kaZabhedi, unyana kaZera, wesizwe sakwaYuda, wathabatha entweni esingelwe phantsi. Wavutha ke umsindo kaYehova konyana bakaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baxhuma oonyana bakaSirayeli ebuncwaneni; ngokuba uAkan, unyana kaKarmi, unyana kaSabhedi, unyana kaSeraki, wesizwe sakwaYuda, wathimba elinye ixhoba, wavutha ke umsindo kaYehova koonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akazange athembeke amaSirayeli kumyalelo *kaNdikhoyo wokuba angathathi nto kufuneka itshatyalalisiwe eJeriko. Umfo owawudelayo loo myalelo nguAkana, unyana kaKarmi, umzukulwana kaZabhedi wakwaZera wesizwe sakwaJuda. Loo nto yawuvuthisa umsindo kaNdikhoyo ngakumaSirayeli.