Joshua 7:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Suka, ungcwalise abantu, uti: Zingcwaliseleni imini yangomso; ngokuba esitsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Kuko into elahlelwe ekutshatyalalisweni pakati kwako, Sirayeli! akungebe nako ukuma pambi kwentshaba zako, ningekakwelelisi lonto ilahlelweyo ekutshatyalalisweni kwa pakati kwenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Vuka, ubangcwalise abantu, uthi, Zingcwaliseleni ingomso;ngokuba utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Kukho nto isingelwe phantsi phakathi kwakho, Sirayeli; akunako ukuma phambi kweentshaba zakho, nide niyisuse into esingelwe phantsi phakathi kwenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Vuka, ubangcwalise abantu, uthi, Zihlambululeni ngomso; ngokuba utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Kukho nto isiqalekiso phakathi kwakho, Sirayeli; Aniyi kuma phambi kweentshaba zenu nide nizisuse abaqalekisiweyo phakathi kwenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Phakama ke, ubahlambulule abantu. Yithi kubo mabazihlambulule ngenxa yokuya kwenzeka ngomso, kuba mna Ndikhoyo, Thixo wamaSirayeli, ndithi kubo: ‘Phakathi kwenu kukho oko bekumelwe kukunikelwa kum ngokutshatyalaliswa. Anisoze nibe nakumelana notshaba de nahlukane nezo zinto.’