Joshua 7:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Niya kusondezwa ngoko ngomso ngezizwe zenu: kwakuya kuti, isizwe esiqashwa nguyehova siya kusondela ngezizalwane; nesizalwane esiqashwa nguyehova siya kusondela ngezindlu; nendlu eqashwa nguyehova iya kusondela ngendoda ngendoda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ize nisindele kusasa ngokwezizwe zenu, isizwe athe wacisha sona uYehova sisondele ngokwezindlu zaso; indlu athe wacisha yona uYehova isondele ngokwamadoda ayo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ngoko, niya kuziswa ngomso ngokwezizukulwana zenu; yaye isizukulwana uYehova akholiswayo ngaso siya kuza kwizizukulwana zakhe; yaye isizukulwana esamkelekileyo kuYehova siya kuza ngokweentsapho; nendlu aya kuyithabatha uYehova, yophuma ngomntu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Baxelele ke ukuba ngomso kusasa baza kubizwa ngokwezizwe zabo. Eso sizwe salathiweyo nguNdikhoyo kufuneka size ngaphambili ngokwezindlu zaso, ize indlu eyalathiweyo ize ngaphambili ngokomzi, kuze kumzi owalathiweyo kuphume indoda nganye.