Joshua 7:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwoti ke, lowo oqashwayo enalonto ilahlelweyo ekutshatyalalisweni uya kutshiswa ngomlilo, yena nako konke anako; ngokuba egqitile ucebano lukayehova, nangokuba enzile okuhlazekileyo kwa‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ithi leyo kucishwe yona inento esingelwe phantsi, itshiswe ngomlilo, nezinto zonke enazo; ngokuba iwugqithile umnqophiso kaYehova, nangokuba yenze ubudenge kwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lowo uthinjiweyo nempahla yakhe uya kutshiswa ngomlilo, yena nayo yonke into anayo, ngenxa yokuba uwaphule umnqophiso kaYehova nangenxa yokuba wenze ngobudenge kwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Loo ndoda ke yalathiweyo kwaza kwafunyanwa kuyo ezo zinto kufuneka zitshatyalalisiwe, yotshiswa kunye nako konke okukokwayo. Kaloku iwaphule umnqophiso kaNdikhoyo, yenza ubuyatha kwaSirayeli.”