Joshua 7:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zaza zazisusa pakati kwentente, zazizisa ku‐Yoshuwa, nakulo lonke usapo luka‐Sirayeli, zazibeka pantsi pambi kwoyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bazithabatha phantsi kwentente, bazisa kuYoshuwa, nakoonyana bakaSirayeli bonke; bazikhuphela phambi koYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bayithabatha ententeni, bayisa kuYoshuwa, nakoonyana bakaSirayeli bonke, bayibeka phambi koYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bazithatha bazisa kuYoshuwa nakumaSirayeli ephela, baza bazandlala phambi koNdikhoyo.