Joshua 7:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka u‐Yoshuwa, bonke o‐Sirayeli bekunye naye, watabata u‐Hakane unyana ka‐Zera, nesilivere, nalongubo, nesiqendu segolide, nonyana bake, nentombi zake, nenkomo zake, namaqwaṙashe ake, negusha zake, nentente yake, nako konke anako; baye bezinyusela emhlanjeni we‐Hakore.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYoshuwa enamaSirayeli onke, wamthabatha uAkan unyana kaZera, nesilivere, nengubo enkulu, nesinqumka segolide, noonyana bakhe, neentombi zakhe, neenkomo zakhe, namaesile akhe, nempahla yakhe emfutshane, nentente yakhe, nezinto zonke anazo, bazisa entilini yeAkore.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYoshuwa enamaSirayeli onke, wamthabatha uAkan, unyana kaSeraki, nesilivere, nengubo yokwaleka, nesacholo segolide, noonyana bakhe, neentombi zakhe, neenkomo zakhe, namaesile akhe, nempahla yakhe emfutshane, nentente yakhe, neentombi zakhe zonke ukuba unayo bayisa entilini yeAgore.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYoshuwa, ekunye namaSirayeli, bamthatha uAkana, kunye naloo siliva, naloo golide, naloo mnweba, nditsho nkqu noonyana neentombi zakhe, imfuyo yakhe, nentente yakhe, konke okwakhe, babasa kwintili yeAkore.