Joshua 7:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Yoshuwa: Yinina ukuba usikatazile? uyehova wokataza wena namhla nje! Baza o‐Sirayeli bonke bamgibisela ngamatye, bazitshisa ngomlilo, bakuba beziposele ngamatye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYoshuwa, Azi, usihlisele ishwangusha! Namhla uYehova uya kukuhlisela ishwangusha. Onke amaSirayeli amxuluba ke ngamatye, azitshisa ezo nto ngomlilo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYoshuwa, Yini na ukuba undoyikise? uYehova uya kukoyikisa namhlanje. Onke amaSirayeli amgibisela ngamatye, azitshisa ezo nto ngokubaxuluba ngamatye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi uYoshuwa: “Kutheni usifake enkathazweni nje? Nawe ke ngoku uNdikhoyo uza kukuhlisela inkathazo.” Umntu wonke wamxuluba ngamatye uAkana. Nosapho lwakhe nalo baluxuluba ngamatye, balutshisa kunye nako konke okwakhe.