Joshua 7:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Andula abuyela ku‐Yoshuwa, ati kuye: Mabangenyuki bonke abantu; makenyuke amadoda angati angamawaka mabini, umhlaumbi amadoda angati angamawaka matatu, aye abete i‐Hahai; ungadinisi apo bonke abantu, ngokuba bebancinane abo bakona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abuyela kuYoshuwa, athi kuye, Mabangenyuki bonke abantu;makunyuke amadoda amayela kumawaka amabini, nokuba ngamadoda amayela kumawaka amathathu, ayichithe iAyi. Musa ukubadinisa bonke abantu ngokubasa khona; kuba abaa bantu bambalwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abuyela kuYoshuwa, athi kuye, Musa ukuluvumela lunyuke lonke uhlanga; kodwa amadoda angamawaka amabini, okanye amathathu, ahlasela ayoyise iAyi; akuyi kusebenza bonke abantu khona; ngokuba bambalwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
abuya athi kuYoshuwa: “Akukho mfuneko yakusa wonke umkhosi eAyi. Makuye nokuba ngamawaka amabini okanye amathathu amadoda. Noko abantu baseAyi bambalwa.”