Joshua 7:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Yoshuwa waṙazula izivato zake, wawa ngobuso ngasemhlabeni, pambi kwetyeya kayehova, kwada kwahlwa, yena nabadala bo‐Sirayeli; baposa utuli pezu kwentloko zabo kanjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wazikrazula ke uYoshuwa iingubo zakhe, wawa ngobuso emhlabeni phambi kwetyeya kaYehova kwada kwahlwa, yena namadoda amakhulu akwaSirayeli, bagalela uthuli phezu kweentloko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYoshuwa wazikrazula iingubo zakhe, wawa ngobuso bakhe phambi kwetyeya kaYehova kwada kwahlwa, yena namadoda amakhulu akwaSirayeli, bazigqubuthela ngothuli iintloko zabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYoshuwa kunye namadoda amakhulu bazikrazula izambatho zabo, bazikhahlela phantsi ngaphambi kwetyesi yomnqophiso kaNdikhoyo, bahlala benjenjalo kwada kwahlwa. Babezigalele nangothuli entloko, bebonakalisa intlungu ababenayo.