Joshua 7:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Boti bakuva aba‐Kanane nabo bonke abemi belizwe basiṙaule, negama letu baliti nqam emhlabeni: uze wenze nto nina ke ngegama lako elikulu?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aya kuva amaKanan, nabemi bonke belizwe, asirhawule, alicime igama lethu ehlabathini. Wenze ntoni na ke kwigama lakho elikhulu?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba aya kuva amaKanan, nabemi bonke behlabathi, asinyelise, alicime igama lethu ehlabathini; Wenze ntoni na ngegama lakho elikhulu?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuyiva le nto amaKanana kunye nabemi beli lizwe, baza kuza bonke, basicime igama. Ke wena, uza kuthini ngegama lakho elidume kangaka?”