Joshua 8:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wavuka kusasa u‐Yoshuwa ngomnye umhla, wabala abantu; wenyuka ke, yena nabadala bo‐Sirayeli, pambi kwabantu, ukuya e‐Hahai.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavuka kusasa ngengomso uYoshuwa, wabahlela abantu, wenyuka, yena namadoda amakhulu akwaSirayeli phambi kwabantu, waya eAyi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wagqiba uYoshuwa kwakusasa, wababala abantu, wenyuka, yena namadoda amakhulu akwaSirayeli, wabakhokela abantu baya eAyi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wavuka ekuseni uYoshuwa, wahlanganisa elakhe iqela lomkhosi. Wenjenjeya ewukhokelela eAyi kunye neenkokheli zawo.