Joshua 8:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, akubona ukumkani we‐Hahai, banxama ke bavuka kusasa, ati amadoda esixeko apumela ngako‐Sirayeli ukuba kuliwe, yena nabantu bake bonke, ngexesha elimisiweyo, pambi kwetafa: ngokuba ebengazi ukuba kuko abalaleli ngakuye, ngasemva kwesixeko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akubona ukumkani waseAyi, amadoda aloo mzi angxama, avuka kwakusasa, aphuma eya kuhlangabeza amaSirayeli ukuba kuliwe, yena nabantu bakhe bonke, endaweni emisiweyo phambi kweArabha. Ebengazi ke yena ukuba kulalelwe emva komzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wakubona ukumkani waseAyi, wagqiba kwakusasa kwakusasa, aphuma amadoda aloo mzi, aya kulwa noonyana bakaSirayeli, yena nabantu bakhe bonke, ngexesha elimisiweyo ngaseArabha; kodwa wayengazi ukuba emva kwesixeko kwakukho abantu ababemlindile emva kwesixeko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akabanga saphozisa maseko ukumkani waseAyi akuwubona ekuseni umkhosi kaYoshuwa. Wesuka kwangoko, wawuhlangabeza kunye namadoda akhe kuloo ntili ikhangelene nentlango, engaqondi phofu ukuba kukho amadoda alaleleyo ngaphaya kwesixeko.