Joshua 8:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwandula kwabizwa bonke abantu abasesixekweni ukuya kubasukela; kwa njalo bamsukela u‐Yoshuwa, bada bar̔olwa kuso isixeko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bahlatyelwa umkhosi bonke abantu abakuloo mzi ukuba babasukele. Bamsukela ke uYoshuwa, baqhiwukana nomzi wabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonke abantu ababeseAyi bahlanganisana ukuba babasukele; bamsukela ke uYoshuwa, baphuma esixekweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwahlatywa umkhosi, aphuma onke amadoda aseAyi, awusukela umkhosi kaYoshuwa. Lo gama asukelayo wawuya usithi tyishi umgama ophakathi kwawo nesixeko.