Joshua 8:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandul’ ukuti uyehova ku‐Yoshuwa: Yolula umkonto osesandleni sako ngase‐Hahai; ngokuba ndiya kuyinikela esandleni sako. Wawolula ke u‐Yoshuwa umkonto obusesandleni sake ngasesixekweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuYoshuwa, wolule umkhonto osesandleni sakho ngakwiAyi; kuba ndiya kuyinikela esandleni sakho. Wawolula ke uYoshuwa umkhonto osesandleni sakhe ngakuwo umzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuYoshuwa, Wolule umkhonto osesandleni sakho ngaseAyi; ngokuba ndiya kukunikela esandleni sakho. Wawolulela uYoshuwa umkhonto obusesandleni sakhe kuwo umzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Khomba eAyi ngomkhonto wakho, kuba ndiyinikezela kuwe loo dolophu.” Wenjenjalo uYoshuwa.