Joshua 8:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ati amadoda ase‐Hahai akubeka ngasemva kwawo, abona ukuba nanguya umsi wesixeko unyukela ezulwini; kwaza akwabiko ndawo kuwo yokuba abaleke nalapa napaya: ngokuba abantu, abebebalekela entlango, bajikela pezu kwabasukelayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abheka emva kwawo amadoda aseAyi, abona, nango umsi womzi unyuka usiya ezulwini; akaba namandla okusabela ngapha nangapha; bathi abantu ababesabele entlango, babaguqukela ababasukelayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ajika amadoda aseAyi, abona umsi womzi unyuka usiya ezulwini, akaba namandla okusaba ngapha nangapha abantu ababesabele entlango bakreqa kwabo babebasukela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Athe akubheka amadoda aseAyi abona kufunquza intshinyela yomsi ngasesibhakabhakeni. Akazange abe nakubalekela ndawo, kuba amaSirayeli awayezenza ngathi ayabaleka ajika angena kuwo.