Joshua 8:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo u‐Yoshuwa no‐Sirayeli bonke, bakubona ukuba abalaleli sebetimbile isixeko, nokuba umsi wesixeko uyanyuka, babuya ke, babulala amadoda ase‐Hahai.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYoshuwa namaSirayeli onke abona ukuba abalaleli bawuthimbile umzi, nokuba umsi womzi uyenyuka, babuya ke bawabulala amadoda aseAyi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYoshuwa nawo onke amaSirayeli babona ukuba abalaleli basithimbile isixeko yaye kunyuka umsi esixekweni, babuya bawabulala amadoda aseAyi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku wathi uYoshuwa neqela lakhe bakuqonda ukuba isixeko sithinjiwe liqela elalizimele, yaye sasisele silidangatye ngumlilo, bajika bawahlasela amadoda aseAyi.