Joshua 8:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba u‐Yoshuwa ebengabuyisi isandla sake, abewolule umkonto ngaso, engekalahlelanga ekutshatyalalisweni bonke abemi base‐Hahai.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akasibuyisanga uYoshuwa isandla sakhe, awolule umkhonto ngaso, bada batshatyalaliswa bonke abemi baseAyi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba uYoshuwa akazange asibuyise isandla sakhe awayewolule ngaso umkhonto wakhe, de wabatshabhisa bonke abemi baseAyi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYoshuwa wayesoloko umkhonto wakhe ewukhombe eAyi, akasithoba kwada kwaba kufe umntu wonke apho.