Joshua 8:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nokumkani we‐Hahai wamxo̔ma pezu kwomti kwada kwalixesha lokuhlwa: naxeshekweni sekutshonile ilanga, waxela u‐Yoshuwa ukuba mabatule isidumbu sake emtini, basipose ngasemnyango wesango lesixeko, baqokelele imfumba enkulu yamatye pezu kwaso, ekoyo kwa namhla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wamxhoma emthini ukumkani waseAyi kwada kwalixesha langokuhlwa; lakutshona ilanga, wawisa umthetho uYoshuwa ukuba basithule isidumbu sakhe emthini; basiphosa esithubeni sesango lomzi, bamisa phezu kwaso imfumba enkulu yamatye; ikhona unanamhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani waseAyi wazixhoma emthini kwada kwahlwa; kwathi nje ukutshona kwelanga, uYoshuwa wayalela ukuba basihlise isidumbu sakhe emthini baze basiphose kumnyango wesango lesixeko baze bakhe imfumba enkulu yamatye phezu kwaso de kube namhla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani waseAyi yena waxhonywa emthini, wayekwa apho kwada kwarhatyela. Kwathi ngorhatya wathi uYoshuwa isidumbu sikakumkani masithulwe siye kulahlwa emasangweni esixeko. Kwafunjwa phezu kwaso ingqumba yamatye asekho apho unanamhla.