Joshua 8:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye bonke o‐Sirayeli, nabadala babo, namagosa, nabagwebi babo, bebemi ngelinye icala letyeya nangelinye pambi kwabaperisite abangaba‐Levi, abo bayitwalayo ityeya yocebano lukayehova, kwa nowasemzini nozelweyo elizweni, esinye isiqingata sabo simalungana nentaba ye‐Gerizime, nesinye isiqingata sabo simalungana nentaba ye‐Hebali; njengokuba ebeyalele u‐Mosesi, isicaka sikayehova, ngapambili, ukuba batamsanqelise abantu bakwa‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Onke amaSirayeli, namadoda awo amakhulu, nababhali, nabagwebi bawo, ema ngapha nangapha kwetyeya, phambi kwababingeleli abangabaLevi, abathwele ityeya yomnqophiso kaYehova, owasemzini enjengozalwayo; esinye isiqingatha sabo simalunga nentaba yeGerizim, esinye isiqingatha sabo simalunga nentaba ye-Ebhali; njengoko uMoses umkhomzi kaYehova wawisayo umthetho ngenxa engaphambili, ukuba basikelelwe abantu bakwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Onke oonyana bakaSirayeli, namadoda awo amakhulu, nabalungiseleli bawo, nabagwebi bawo, bema kweli cala letyeya nakweliya icala, ngakubabingeleli, nabaLevi abathwele ityeya yomnqophiso kaYehova, nowasemzini, wazalelwa phakathi kwabo; isiqingatha sabo sesa ezintabeni zeGerizim, esinye isiqingatha sabo sibheka entabeni ye-Ebhali; njengoko uMoses umkhonzi kaYehova wabawisela umthetho ngenxa engaphambili, ukuba babasikelele oonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaSirayeli onke, amadoda amakhulu, amagosa, nabalamli, kwakunye nabangeneleli, bema bephahle ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, bejongene nababingeleli bomlibo ka-Aron ababeyithwele. Elinye iqela lalimi ngakwintaba iGerezim, elinye limi ngakwintaba iEbhali. Kaloku uMosis, isicaka sikaNdikhoyo, wayethe maze benjenje lakufika ithuba lokubhengeza amathamsanqa uNdikhoyo awanika abantu bakhe amaSirayeli.