Joshua 8:35 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bekungeko nalinye ilizwi kuko konke abeyalele kona u‐Mosesi, owaengalileseshanga u‐Yoshuwa pambi kwawo wonke umhlambi wo‐Sirayeli, nabafazi, nentsapo, nabasemzini ababehamba pakati kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akwabakho nalinye ilizwi kuwo onke amazwi abewise uMoses umthetho ngawo, angalilesanga uYoshuwa phambi kwebandla lonke lamaSirayeli, nabafazi, nabantwana, nowasemzini ohamba phakathi kwawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akubangakho nalinye ilizwi kuwo onke amazwi uMoses awayewayalele, angalilesanga uYoshuwa phambi kwebandla lonke lakwaSirayeli, nabafazi, nabantwana, nabasemzini ababeqhelene nabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYoshuwa ke wayifundela elo bandla liphela imiyalelo kaMosis, engashiyanga nesuntswana eli. Ayekho namakhosikazi, nabantwana, kwakunye nabangeneleli abemi phakathi kwamaSirayeli.