Joshua 8:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wawayalela ngokuti: Kangelani, nina nolalela ngakuso isixeko, ngasemva kwesixeko; ningabi kude kakulu esixekweni, kodwa nibe nonke senilungile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawawisela umthetho, esithi, Yabonani, ningabalaleli kuwo umzi, emva komzi; musani ukuba kude kakhulu kuwo umzi, lungani nonke niphela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabawisela umthetho, wathi, Yabonani, nilele phantsi, nisidla umzi, nasemva komzi; musani ukuya kude nesixeko, kodwa wonke umntu makalungiselele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
nalo myalelo: “Phulaphulani! Zimelani ngapha kwesixeko, ningabi kude, nihlale nichophe phezu kwezikrweqe.