Joshua 8:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
(ngokuba beya kupumela emva kwetu,) side sibar̔ole esixekweni: ngokuba beya kuti: Bayabaleka pambi kwetu, njengasekuqaleni: ngako siya kubaleka pambi kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bophuma ke basilandele, side sibarhole kuwo umzi; kuba baya kuthi, Bayasaba phambi kwethu, njengokuya kokuqala. Siya kurhola ke thina phambi kwabo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
(ngokuba osilandela wona), side siwatsalele ngaphandle komzi; kuba baya kuthi, Basaba phambi kwethu njengasekuqaleni; ke ngoko, siya kusaba kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wona ke osisukela de athi qelele esixekweni, eba siyabaleka njengakuqala. Besasisukela njalo ke