Joshua 8:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wawatuma u‐Yoshuwa; asuka aya endaweni yokulalela, ahlala pakati kwe‐Betele ne‐Hahai, ngecala lasentshonalanga le‐Hahai; kanti u‐Yoshuwa walalisa ngobobusuku pakati kwabantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawasusa ke uYoshuwa; aya kulalela, ahlala phakathi kweBheteli neAyi, ngasentshonalanga eAyi; uYoshuwa walala phakathi kwabantu ngobo busuku.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabathuma ke uYoshuwa, balalela, bahlala phakathi kweBheteli neAyi, ngasentshonalanga kweAyi; ke uYoshuwa walala phakathi kwabantu ngobo busuku.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wawandulula ke loo madoda uYoshuwa, ahamba aya kulinda ezimele ngasentshonalanga yeAyi, phakathi kweAyi neBhetele. Yena uYoshuwa wasala apho babekhulule khona ngobo busuku.