Joshua 9:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute, bakuva oku bonke okumkani abanganeno kwe‐Yoredane, ezintabeni, nasezihlanjeni, nakulo lwonke unxweme lwolwandle olukulu malungana ne‐Lebanone, ama‐Hete, naba‐Amori, n aba‐Kanane, n ama‐Perizi, n ama‐Hivi, nama‐Yebusi,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, bakuva bonke ookumkani abanganeno kweYordan ezintabeni, nasezihlanjeni, nangaselwandle lonke olukhulu, kwasingisa eLebhanon, amaHeti, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
nangenxa yookumkani bonke ababephesheya kweYordan ezintabeni, nasezimbombeni, nasezindaweni zonke zolwandle olukhulu, malungana neLebhanon, namaHeti, nama-Amori, namaKanan, namaPersi amaHivi namaYebhusi eva oko;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Imbali yokutshatshela kwamaSirayeli yaya kuvakala nakwiikumkani ezazimi ngasentshonalanga kweJordan: kweleentaba, emazantsi eentaba, nasemantla konxweme lolwandle, ukuya kutsho eLebhanon. Ezo ke yayiziikumkani ezazilawula amaHeti, ama-Amori, amaKanana, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi.