Joshua 9:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Yoshuwa wenza nawo uxolo, wati kanjalo wenza nawo ucebano lwokuba awalondoloze ebomini: zaye ziwafungela nenkosi zentlanganiso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenza uxolo nabo uYoshuwa, wabamisela umnqophiso wokubasindisa; zabafungela nezikhulu zalo ibandla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenza uxolo nabo uYoshuwa, wabamisela umnqophiso wokubasindisa; zafunga izikhulu zebandla kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
NoYoshuwa ke wasivuma isicelo sawo soxolo, wanqophisana nawo ngelithi akayi kubulawa. Zafunga iinkokheli zebandla lamaSirayeli, zathi loo mnqophiso aziyi kuwutyeshela.