Joshua 9:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwabekute ekupeleni kwemihla mitatu emveni kwokuba babelwenzile ucebano nawo, kwavakala kubo ukuba angabamelwane babo, nokuba ahlala pakati kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, ekupheleni kwemihla emithathu emveni kokuba bebamisele umnqophiso, beva ukuba bakufuphi kubo, nokuba bahleli kwaphakathi kwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ekupheleni kweentsuku ezintathu emveni kokuba benze umnqophiso nabo, beva ukuba bakufuphi kubo, nokuba babehlala phakathi kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi kungekadluli neentsuku ezintathu senziwa isivumelwano, eva amaSirayeli ukuba abo bantu yayingabamelwane bawo, behlala kufuphi nawo.