Joshua 9:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa usapo luka‐Sirayeli alwawabeta, ngokuba inkosi zentlanganiso ziwafungele uyehova, utixo wo‐Sirayeli: ngako yaṙoṙa yonke intlanganiso ngakuzo inkosi ezo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oonyana bakaSirayeli abababulala, ngokuba izikhulu zebandla zibe zifunge uYehova uThixo kaSirayeli kubo. Lazikrokrela izikhulu lonke ibandla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana bakaSirayeli abababanga bona, ngokuba izikhulu zebandla zibe zifunge uYehova uThixo kaSirayeli kubo. Lazikrokrela izikhulu lonke ibandla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke amaSirayeli akazange ababulale aba bantu, kuba kaloku iinkokheli zebandla lawo zazibenzele isifungo ngegama likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli. Lonke ibandla lakwaSirayeli lazikhalazela iinkokheli,