Joshua 9:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ampendula u‐Yoshuwa ati: Ngokuba bekuqiniswa ukuxelwa ezicakeni zako, okokuba uyehova, utixo wako, umyalele u‐Mosesi, isicaka sake, ukuba aninike lonke elilizwe, nokuba abatshabalalise bonke abemi belizwe kwa pambi kwenu, kukona sabesiboyikela ubomi betu kakulu, sada sayenza lento.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baphendula bathi kuYoshuwa, Baxelelwa ngokuqinisekileyo abakhonzi bakho. okokuba uYehova uThixo wakho wamwisela uMoses umkhonzi wakhe umthetho, ukuba uya kuninika lonke ilizwe, nokuba uya kubatshabalalisa bonke abemi belizwe ebusweni benu;sayoyikela kunene ke imiphefumlo yethu ebusweni benu, senza le nto ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bamphendula uYoshuwa, bathi, Baxelelwa abakhonzi bakho ukuba uYehova uThixo wakho wamwisela uMoses umkhonzi wakhe umthetho, ukuba uya kuninika lonke ilizwe, nokuba uya kubatshabalalisa bonke abemi belizwe eliphambi kwenu; ngenxa yoko saba buhlungu kakhulu, boyika ubomi bethu ngenxa yenu, senza le nto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bathi ukuphendula bona: “Mhlekazi, sibangwe kukuva ukuba kuyinyani ukuba uNdikhoyo uThixo wenu wayalela uMosis ukuba wonke lo mhlaba makawunike nina, batshabalalise bonke abemi bawo, ke ngoko sasoyikela nobomi bethu.