Joshua 9:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Yoshuwa kwa ngalomini wawenza abagauli benkuni nabakeleli bamanzi entlanganisweni, nasesibingelweni sikayehova, kwada kwanamhla nje, kulondawo eya kunyulwa nguye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYoshuwa wabenza ngaloo mini abathezi beenkuni nabakhi bamanzi, ebandleni nasesibingelelweni sikaYehova, unanamhla, kuloo ndawo athe wayinyula.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaloo mini uYoshuwa wabenzela loo mini abo bagawula iinkuni namaqula amanzi, ebandleni nasesibingelelweni sikaYehova, kude kube namhla kuloo ndawo abeya kuyinyula.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kodwa wathi mababe ngamakhoboka okukha amanzi nokucanda iinkuni zamaSirayeli nezeqonga lamadini kaNdikhoyo. Loo msebenzi basawenza unanamhla kuloo ndawo yalathwe nguNdikhoyo.