Jude 1:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona aba bazizidyobo ezidlweni zenu zotando, besitya nani emitendelekweni bengenakwoyika, bezondla bona: bangamafu angenamanzi, equ̔tywaqu̔tywa ngumoya; bayimiti epululekileyo, ingenaziqa̔mo, ifile kabini, idonyulwe ngengcambu;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aba zizixhobo zamatye aselwandle ezidlweni zenu zothando, bezingxala ukudla nani, bezidlisa okwabo ngokungenakoyika.Bangamafu angenamanzi, aqhutywaqhutywa yimimoya; bayimithi evuthulukileyo, engenaziqhamo, efe kabini, enyothulwe iingcambu;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Aba zizixhobo zamatye aselwandle ezidlweni zenu zothando, bezingxala ukudla nani, bezidlisa okwabo ngokungenakoyika. Bangamafu angenamanzi, aqhutywaqhutywa yimimoya; yimithi ebunayo, engenasiqhamo, efe kabini, enyothulwe iingcambu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Aba bantu bayazixabhela izidlo zenu. Kaloku bangena kuzo beziindlobongela zeendlavini, ezingakhathalele mntu ngaphandle kweziqu zazo. Bafana neengqimba zamafu aphehluzeliswa ngumoya, engezi nayo namvula. Bayimithi engathwali ziqhamo nasekwindla. Bafana nemithi enqukrulwe neengcambu yaza yatshabalala.