Jude 1:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ndifuna ukunga ndinganikumbuza, nangona nise nikwazi oku, ukuba inkosi, seibasindisile nje abantu elizweni le‐Jipete, yati kamva yabubisa abangakoliweyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndinga ke ndinganikhumbuza, nangona nikwazi oku kakade, ukuba iNkosi, yakuba ibasindisile abantu emhlabeni waseYiputa, yathi ngokwesibini yabatshabalalisa abo bangakholwanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndithanda ukunikhumbuza, nangona nikwazi oku kakade, ukuba iNkosi, yakuba ibasindisile abantu emhlabeni waseYiputa, yathi ngokwesibini yabatshabalalisa abo bangakholwanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nakuba niyazi nje le ndawo, ndifuna ukukhe ndinikhumbuze ngayo. Kaloku iNkosi yawahlangula amaSirayeli eJiputa, kodwa kamva yabatshabalalisa abo bathi baveza intswela-mbeko nokuqhankqalaza.