Jude 1:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nazo ingelosi, ezo zingagcinanga isimo sazo sokuqala, koko ziyishiyile eyazo intlalo, izigcinele umgwebo womhla omkulu ngemibambo engunapakade ngapantsi kwesitokotoko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo izithunywa zezulu, ezo zazingalugcinanga ulawulo lwazo, zesuka zalishiya ikhaya lazo, izigcinele umgwebo womhla omkhulu ngemixokelelwane engunaphakade, phantsi kwesithokothoko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo izithunywa zezulu, ezo zazingalugcinanga ulawulo lwazo, zesuka zalishiya ikhaya lazo, izigcinele umgwebo womhla omkhulu ngemixokelelwane engunaphakade, phantsi kwesithokothoko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khanikhumbule ngezithunywa zezulu. Kaloku inxalenye yazo zange yaneliseke zizikhundla zayo, yaza kananjalo yakreqa ekhayeni layo. Kungoku nje uThixo uzigcinele umhla omkhulu womgwebo. Ngoku zisesithokothokweni senzonzobila apho ziqanyangelwe ngamatyathanga angasoze akhululeke.