Judges 1:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, ekuzeni kwake endodeni, wayivusa ukuba icele kuyise intsimi; wandul’ ukuhlika eqwaṙasheni; waza u‐Kalebi wati kuye: Ufuna nto nina?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ekuzeni kwayo, yamvuselela ukuba acele umhlaba kuyise wayo; yehla e-esileni layo. Wathi uKalebhi kuyo, Yintoni na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Efikile ke kuye, wamvuselela ukuba acele umhlaba kuyise; Wathi uKalebhi kuye, Ùfuna ntoni na?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bakuba betshatile wacenga uOteniyeli amvumele acele umhlaba kuyise. Wehla kwidonki awayekhwele kuyo uAkesa, waza uKalebhi wambuza wathi: “Kwenzeke ntoni?”