Judges 1:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako usapo lwom‐Keni, usomfazi ka‐Mosesi, lwenyuka esixekweni semiti yepalime nosapo luka‐Juda ukuya entlango yakwa‐Juda, engasesuyide ye‐Haradi; lwaya lwahlala nabobantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oonyana bomKeni, uyise womkaMoses, benyuka eMzini wamaSundu noonyana bakaYuda, baya kwintlango yakwaYuda, engasezantsi kweArade, baya bahlala nabantu abo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana bakaMokeni, uyise womkaMoses, benyuka noonyana bakaYuda, besuka emzini wamaSundu, baya entlango yakwaYuda, ezantsi kweAradi baya bahlala phakathi kwabantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Inzala kayise womka-Mosis, umKeni, yahamba nendlu kaJuda ukuphuma kwisiXeko samaSundu, yaya kumhlaba oyintlango ezantsi kweArade kwelakwaJuda, yaza ke yema phakathi kwabantu balapho.