Judges 1:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka u‐Juda waya no‐Simone umzalwana wake; baza babulala aba‐Kanane ababehleli e‐Tsefate, bayilahlela ekutshatyalalisweni: ngako kwabizwa igama lesixeko eso nge‐Horema.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waya uYuda noSimon umkhuluwa wakhe, bawabulala amaKanan abehleli eTsefati, bayitshabalalisa. Kwathiwa igama laloo mzi yiHorma.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYuda wahamba noSimon umkhuluwa wakhe, bawabulala amaKanan abehleli eShefati, bayitshabhisa. Igama laloo mzi laliyiHorma.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uJuda noSimon badibana, baza bawoyisa amaKanana awayehlala eZefati. Eso sixeko basivuthulula, basitshabalalisa, baza basithiya igama eliyiHoma.