Judges 1:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zati, yakubonisa kuzo indawo yokungena yesixeko, zabeta isixeko ngohlangoti lweṙele; kodwa zayindulula indoda leyo nesizalwane sayo sonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wazibonisa ithuba lokungena kuloo mzi; zawubulala umzi ngohlangothi lwekrele; bamndulula loo mntu nemizalwane yakhe yonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akubabonisa indlela yokungena esixekweni, bawuthimba umzi ngohlangothi lwekrele; Bayikhulula indoda leyo, nayo yonke intsapho yayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yazibonisa ke, aza amaJosefu ababulala bonke abantu bakhona, ashiya loo ndoda nendlu yayo kuphela.