Judges 1:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako u‐Manase akagqogqa abemi base‐Bete‐shane namagxamesi ayo, nabase‐Tahanaki namagxamesi ayo, nabemi base‐Doṙe namagxamesi ayo, nabemi base‐Yibelame namagxamesi ayo, nabemi base‐Megido namagxamesi ayo; kodwa aba‐Kanane bebetanda ukuhlala kwelozwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UManase akayigqogqanga iBhete-shehan namagxamesi ayo, neTahanaki namagxamesi ayo, nabemi baseDore namagxamesi ayo, nabemi baseIhlam namagxamesi ayo, nabemi baseMegido namagxamesi ayo; ke amaKanan aphikela ukuhlala kwelo zwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akazange abe nabemi baseBhete-shehan namadlelo ayo, neTahanaki namadlelo ayo, nabahleli eDore namadlelo ayo, nabemi baseIbleyam namadlelo ayo, nabemi baseMegido namadlelo ayo hayi ukugxotha; kodwa amaKanan afuna ukuhlala kwelo lizwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaManase zange azigxothe izizwe ezazihlala eBhete-shan, eTanaki, eDore, eIbleyam, eMegido, nakwiilali ezikufuphi nezi dolophu, kuba amaKanana ayezimisele ukuhlala apho.