Judges 1:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Juda wati ku‐Simone umzalwana wake: Nyuka nam ukuya eqashisweni lam, silwe naba‐Kanane, ndandiya kuya nawe eqashisweni lako. Wasuka u‐Simone waya naye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYuda kuSimon umkhuluwa wakhe, Nyuka nam, siye eqashisweni lam silwe namaKanan; nam ndoya nawe eqashisweni lakho. USimon wahamba naye ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYuda kuSimon umkhuluwa wakhe, Nyuka nam siye endaweni yam, siye kulwa namaKanan; kwaye ndiya kuhamba nawe ekupheleni kwakho. Wahamba naye uSimon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke indlu kaJuda yathi kumawabo amaSimon: “Sincediseni xa silwa namaKanana ukuzuza isabelo sethu somhlaba, khon' ukuze nathi sinincedise xa nilwela esenu isabelo.” Ngoko ke ahamba nendlu kaJuda amaSimon.